Iimpawu Zesilumkiso Sengxakeko (Onxantathu)
Nayiphi na imoto enzima (apho i-GVM igqitha kwi-3500kg), zonke iimoto zempahla, iiminibhasi neebhasi, (ngaphandle kweemoto zabucala, ii-ambulensi nezithuthuthu) azinakusetyenziswa kwindlela kawonke-wonke, ngaphandle kokuba kuphathwe kuloo moto ubuncinane uphawu olunye lwesilumkiso sengxakeko.
Ngaphandle kokuba kwimeko yomdibaniso weemoto (imoto enetreyila enye okanye ngaphezulu), uphawu lwesilumkiso sengxakeko lwayo yonke imoto yaloo mdibaniso lunokuphathwa kwimoto etsalayo.
Ukubekwa kophawu lwesilumkiso:
- uphawu kufuneka lubekwe kumgama ongephantsi kweemitha ezingama-45 ukusuka kwimoto, lulandela indlela yeemoto yaloo ndlela kawonke-wonke, kwicala apho itrafikhi iza kusondela ngalo kuloo moto xa ihamba kwicala lendlela elikufutshane naloo moto,
- uphawu kufuneka lubekwe malunga nomgama ofanayo ukusuka kumphetho wendlela njengoko umbindi wemoto ukude kumphetho wendlela, kwaye
- icala elibonakalisayo lophawu kufuneka libheke kwicala apho nayiphi na itrafikhi iza kusondela ngalo.
Oku akusebenzi apho imoto imile:
- kwindawo apho uphawu lwetrafikhi yendlela luvumela ukulayishwa okanye ukukhutshwa kwempahla emotweni,
- ngokuthobela nawuphi na umyalelo odluliswa luphawu lwetrafikhi yendlela okanye onikwa ligosa letrafikhi,
- ngenxa yenye itrafikhi kuloo ndlela kawonke-wonke ngelixa umqhubi ehleli kwisihlalo sokuqhuba saloo moto, okanye
- ngexesha lemisebenzi ehamba nokwenziwa komsebenzi karhulumente okanye kamasipala.

Pass